ukwenzakala kwakhe kulo mdlalo kwamnyanzela awuyeke.
Udlale kwHtumente ezincinane ZeATP eMeltka, eYurophu nakwamanye amazwe eAfrika ukususela ngo-1 997 kocfwa okona kwabalasela kumdlalo wakhe kube ngo-Oktobha 1 997 xa wamela uMzantsi Afrika kwitumente iConfederation of Africa Tennis Associations eTogo. Apho ube ngomnye wabafiketele kumanqam kwiisingles waza waphumetela kunye nalowo obedlala naye kwiidoubles.
Zisuka nje emva koko uphumelele kwiisingles kwitumente yenkqubela kweli yeMTN eBenoni. Ukubonisa ukuba akazange aqhathe utywatyushe abedtala naye kwiMTN SATA National Championships ezaziseKapa ngojanuwari 1 998 kwiisingles nedoubles.
UPunch uza kuzenzela igama nonyakanje xa eza kudlata kwiUSA Open kwiWimbledon Open nakwezinye iitumente eziphambili eYurophu. NgoNevemba 1 999 uPunch bekufuneka nje abe namanqaku angama-70 kuphela ukuze akwazi ukungena kwiUS Open nakwezinye iitumente ezincinane zeATP ezingama-20 phambi kokulungisa inkqubo yakhe, ikamva lakhe libukeka lithembisa.

1 04 BONA XHOSA - February 2000
KwiAll Africa Games iqela laseMzantsi Afrika ebelinoPunch liphume neembasa zesilivere. UPunch udlala kakuhle kwiitumente ezincinane ebeziseCentral Africa naseMzantsi Afrika ekupheleni kowe-1999 unyaka wawugqiba kakuhle eza kuba nenkqubela entte kwitumente eBangaldesh.
Iingcali zithi uPunch unekamva eliqaqambileyo kwintenetya, oyena ndoqo ogqiba ngempumelelo yakhe yimali.
Ndichithe iinyanga ezintathu ngelo xesha ndikude nekhaya ndidlala iintumente kwaye lonke eli thuba bendingenamntu ondixhasa ngemali, oku kumfimfitha umthombo wemali yabazali bam.
UPunch akachukunyiswa kangako yimizamo karhulumente yokuphucula intenetya eMzantsi Afrika.
Urhulumente kusafuneka wenze imiamo engcono kuba ndingumntu ontsundu wokuqala kweli ongumdlali wentenetya ohlawulwayo eMzantsi Afrika. Kusafuneka umdlalo bawusondeze kutuntu - ungapheteli nje kulaa mahlomela edotophu athile.
linkumbuto ezintle zikapunch kukuqhelisela noAnna Kournikova, uMary Pierce noMarcelo Rios eFiorida eUSA ngoAgasti 1 996.
Ukabeio
Ukabelo (KB) uqale ukuyithanda intenetya esemncinane eminyaka esi8 - ube nethamsanqa kuba unabantakwabo ababini ekufuneka abalinganise - mvanje ukhe wadlala iidoubles noPunch.
Eli tyendyana lingene kwiligi yabaselula engelula. Ene-17 leminyaka ngoku ufunda kwibanga lematriki ngembalelwano kwaye wenze imbali nyakenye xa watywatyusha oontanga bakhe kwitumente eSpeyini ngoAprili. Zisuka kamva ufunde isifundo kwenye itumente encinane yabaselula eNigeria apho wabethwa ngo-6-2. 6-4 lelinye ityendyana eline{nkani] laseFinland.
Ukabelo sibhala nje ungunamba 260 kubadlali behiabathi abaselula kwaye unethemba lokuba iitumente ezincinane aza kudlala kuzo ukususela ngoku ziza kuphucuta ithuba lakhe Iokudlala kwijunior Wimbtedon Grand Stam nonyakanje. Kuba kusekho nje ama-50 eetumente ekufuneka zidlalwe unethemba lokuwahlangania amanqaku afunekayo kuba lo ngunyaka wakhe wokugqibela eweia kudidi lwabaselula.
Kambe ke kuxhomekeka kwinani Ieetumente ekufuneka ndizidlale xa u-2000 eqata, utshilo uKB onkqubo yakhe yokhenketho ikhe yanqunyanyiswa kuba ebebhala iimviwo. Oko ke kuxhomekeka kuhambo endiza kulwenza.
Kuba noko esengumfo osaze ngobuso ezweni, ukabelo uyinzwana.
Ndiseza kufunda lukhulu phambi kokuba nclibe yintshatsheli ehlawulwayo. Ukuze ndibe ngonjalo kufuneka ndiqonde ukuba ndinako ngenene okufunekayo kwaye ndinako nokutsala abatyali-mali, uphefumle watsho.
Lo ominyaka ili-17 akawubekeli mida umsebenzi awenzayo nakuba ethe xa kwenzeka angankqenkqezi phambili xa eminyaka ephakathi kwama-25 nama-30 kofuneka isiphiwo sakhe asiphokozele abanye abaqeqeshe.
Etyatyadula uthe: Uyazi xa unaye ozimisele ukukuxhasa ngemali xa uminyaka engama-35 akukho nto engakunqanda.
UKabeto nomntakwabo uPunch bathembisa ngokunkqenkqeza phambiti kwintenetya. Kwazi bani, mhlawumbi la matyendyana aya kuphela ephumelela njengesibini sodumo kwintenetya - umntu nomsakwabo uVenus noSerena
WilLiams.l
UPunch Maleka ubonakalisa indtela adlala ngayo ngesandfa sakhe sokuriene.
Kubalisa uBONGANI KA LUKHELE


lgama elitsha - amalungu asibhozo ePlatinum (ebisakwaziwa ngokuba yiPlatform One) njengoko bevela kwicwecwe labo elitsha: abame ngenyawo ngooThemba Nkomo, uMatthews Moioi, uPaul Gwala noSandile Gwala, abahleli phantsi nguSonto Dladla, uZodwa Sososo, uLord Gwala noMaidudu Sibeko.



I
 QELAeiithandwayo iPlatform One
aligqibelanga nje ngokuthengisa
amacwecwo afikelele kwinqanaba lediski yeplatinum, ijike igama yazibiza ngokuba yiPlatinum.
IPlatform One eyaziwayo ngomculo wayo weengoma zomtshato zesintu ikwazile ukuhluma emculweni apho amaqela amaninzi atshabalaiayo emva kwexesha. Kodwa ngoku ngenxa yezo ngxaki ziqhelekileyo zezivumelwano, litshintshe igama Iayo layiPfatinum.
IGENTLE MAGIC ILUNONOPHELA NGOKUMANGAUSAYO ULUSU

Ayikho imveliso enonophela ulusu njengeGentle
Magic. Akukho nto ikhusela negcina ubuhle bendalo

bolusu njengeGentle Magic.

lGentle Magic ikwenza uhlale unolusu olusempilweni ngokunciphisa ukunyinyintheka, ngokulwa nengaki yolusu nangokulukhusela elangeni ngokuba ineFactorl6 sunscreen.

lGentle Magic ayinawo amachiza ayingozi kulusu, inezithako ezilukhuselayo, nezilucocbayo riezilufumisayo ulusu Iwakho.

Ngoko thambisa umzimba wonke ngeGentle Magic isithambiso esisebenza ngokumangalisayo.
IPLATINUM
ENTLE
IPlatform One itshintshe igama layo kodwa
ayiwutshintshanga umcu!o wayo
Phantsi kweli gama litsha bakwakhuphe icwecwe eiitsha elithi Sizihlobo elineengoma ezinesingqi ezilishumi abaqinisekileyo u ku ba ziza kudlalwa emitshatweni njengeengoma zabo zangaphambili.
Ukutshintshwa kwegama kwenzeke xa eli qela tisuke kwaCCP Records Iaya kwaCool Spot Pecords, ucacise watsho usomlomo weli qela. uMatthews Morake Moloi oyitolika yenkundla.
Ngaphandle kukaMatthews, amanye amalungu eli qela asuka eSoweto, ngoMangi uMaringa, uSonto DladIa, uMaidudu Sibeko, uMantombi Busane, uZodwa Sososo, uThemba Nkomo nabakwawala uSthembiso, uSandile, uPaul, nabatshana uPatrick noLord.
Andiqondi ukuba amawaka-waka abalandeli abathanda iPlatform One banganengxaki ngegama elitsha. Ugama kuphela elitshintshileyo -yonke eny into esidume ngayo sisayibambile. Njengoko besitsho ukuba intyatyambo isoloko iyintyatyambo nokuba inganjani. lsimbo sethu esikhethekileyo, uhlobo lomculo wethu, imbonakalo nendlela esicula ngayo zisafana.
tikuvumelana ngegama sesona sigqibo sikhawutezileyo lakha lasenza eli qela lamalungu ali-1 2.
Ukusukela oko lasekwayo eli qela ngo-1991, sifumene iiplatinum ezine kumacwecwe asixhenxe. Ngoko bekufanelekile ukuba sizibize ngokuba siyiPlatinum.
Ukulungiselela inkulungwane entsha, amalungu eli qela aqongqothe imithombo yemali yawo namava awo okuve!isa eyabo inkampani yokushicilela, ebizwa ngokuba yiPure GoId Productions. lsebenza ngaphantsi kweCool Spot Music abaongene nokuthengiswa
nokusasazwa kwemveliso yabo. lcwecwe labo elitsha elithi
Sizih!obo, ngokomculo namazwi liphucuke kakhulu kunecwecwe labo lokuqala elithi lsencane Lengane, elabangela iqela lomculo wegospile iPure Magic lanendumasi kwezomculo wesintu wasekhaya emva kokuphuma kwalo kwiPlatform One, ukholelwa njalo uMatthews.
Sajonga umculo weli sabona ukuba Iikhona icala elingakhathalelwanga lomculo wesintu
-amaculo esintu omtshato abantu abawacula kamnandi ngeempela-veki emitshatweni naxa iintsapho zikhupha ilobola. Sagqiba ukuba sizivuselele ezo ngoma, sikhalise izixhobo size sizishicilele. Yabonakala iyeyona ndlela ilungileyo kuba icwecwe lethu lokuqala laba yimpumeleto Iathengise iikopi ezili-150 000.
Asinakuhlala singawuphuculi umculo wethu. Nangona umculo wethu ungowesintu, naluphi uhlobo lomculo luyatshintsha. Loo nto ithetha ukuba utshintsho maluqhu-beke Iusenziwa ukuba luyathandwa ngabantu, utsho uMatthews. Eyona nto ilungileyo esinayo njengeqela yeyokuba singababhali bamaculo nababhali beengoma abanetalente. EIi qela linabalandeli nakwamanye
amazwe aseMzantsi Afrika anjengeBotswana, iSwaziland, iMozambique neZimbabwe. Ngoko eli icwecwe lifumane ukwaziwa kungoku nje livakala ligqumza koonomathotholo xa kutshatwa ezilokishini nasezilalini.
Umzekelo ingoma ethi uNobhala ingendoda eyashiya usapho Iwayo yaya eAhawutini iyokusebenza. Emva koko walibala ngabo wayeka nokubabhalela iileta. Le yingxaki endala eMzantsi Afrika kwaye yonakalise ubomi babantu abaninzi. 
)(	A uMaNgconde walaliswa esibhedlele saseQonce ngo-1 981 wayengazi ukuba kwi-
18 leminyaka kamva uza kuwongwa Iiziko lamazwe ngamazwe ngomsebenzi awenzela uluntu lwaseMpuma Koloni.
Mvanje ubengomnye wabafumene izidanga zehonorary doctorate kwezonqulo kwilnterdenominational Theological Centre ezinze eAtlanta, eUSA, Ie uyinikwe kwitheko ebelikwilali yasezigodlo eDebe Nek kwiMpuma Kapa.
Ekunikeleni iimbasa uNjingalwazi Sigqibo Ntombela ongumongameli weAfrican Countries lnterdenominational Centre uchaze ukuba aba bazitumanayo baqondiwe ngabakwenzayo ecaweni nakuluntu ukuze baphucule ubomi babantu baseMzantsi Afrika.
Bafak igxalaba elibanzi kwintlaio-ntle yabantu baseMpuma Koloni, utshilo.
Ukongezelela
ekuphuculeni ezobukrestu bakwazile ukuthothisa ubuhlwempu ngokuxhobisa uluntu ngobuchule.
UMandla Power Makubalo ongumsasazi wodumo kwiCKl FM, uMfundisi Nomathamsanqa Aweqane ongumphathi
Inkokeli yoiiuk ethandv&ayo uMaNgconde uye mvanje wawongva naesidana sembeko
l 8 BONA XHOSA - February 2000




NI
uwong
kwicancielo lezonqulo kuMhlobo Wenene, umkomishina kwisikhululo samapolisa esikwaNU 13 eMdantsane uKapteni Thembinkosi Sityoshwana, uBhishophu Killion Mpetshwa, uMfundisi uMichael Malo noMfundisi Goodman Ngxishe nabo baye banikwa izidanga zembeko.
UMfundisi Zoiani Ziya Makalima webandla lamaWesile nokwayiChaplain yeZokhuseleko leSizwe eMzantsi Afrika uye wabalisa imbali entle ngoNomthunzi Mali owaziwa ngokuba nguMaNgconde.
Uzalwe ngo-1 948 uMaNgconde waza wakhulela ngasexesi. Utshate eminyaka eli-1 8 waza wasikelelwa ngoonyana ababini neentombi ezimbini.
Uthe eneminyaka engama-33 uNomthunzi Mali wathi exinwe yimpilo esesibhedlele waphupha ngoninakhulu uMaMpandla. Emaphupheni uninakhulu wamtshiza ngamanzi waza wamxelela ukuba uza kuphila. Uthe akuphuma esibhedlele uMaMpandla wamxelela ukuba kufuneka ubomi bakhe abunikele ekuncedeni abantu abasengxakini angabarhumisi.
Umsebenzi kaMaNgconde
ukususela ngoko uye usiba namandla
iwe
angummangaliso. Wakhe iicawa ezingama-45 kwaneekliniki nezikolo zoluntu. UMaNgconde ukwathengele ulutsha izixhobo zokudlala, ethandazela amabanjwa namaqela omculo weekwayara ewathengela iiyunifomi.
Kwalile ngo-1 995 uMaNgconde wasungula iqeta elithandwayo elibizwa ngokuthi MaNgconde Gospel Singers, elivelise amacwecwe anjengelithi Mandithwa!e lziqhamo, elithi Hlala Nami, elithi Bawo Baxolele, elithi Sikuyo lndlela, elith Nzulu Yemflhlakalo nelithi Wazithwal lzono Yesu.
Kwango-1 995 kwasungulwa iMaNgconde Girls Choir, nevelise icwecwe elithi Mcholi Weenkedama.
Kwintetho yakhe yokwamkela uMaNgconde uthe uneqhayiya lokuba awongwe ngesidanga sehonorary doctorate in divinity. Usebenzise efi thuba ekubhebhetheni amathandabuzo kwabo bathi akanamandla akusukumisa iziqhwala kwisihlalo ezinamavili, ukubuyisela ithemba kwabaphelelwe lithemba
UMandla Makubalo, uN omathamsa-nqa Rweqane noNomthu nzi MaIi kwitheko lokunikezelwa kwezidanga.






Le yinxalenye yenyambalala ebikho kwiMaNgconde Great HaIl kwitheko lokunikezelwa kwezidanga.
Elinye inenekazi elithembisa ngokukhokela ngumntwana omncinci kaMaNgconde uNondumiso Mali (onxibe okublowu) ecula kunye neMaNgconde Gospel Singers.


nokondla abalambayo.
Kuba zinomona iintshaba zam zigxeka amand!a omoya oyingcwele kaThixo, utshilo.
Ndiyambulela uThixo ngomsebenzi endiwenzayo. Ndiye ndisiba namandla ngakumbi - nkqu nokuhlaselwa ziintshaba zam kuye kundomeleza gqitha, utshilo. 
U1VINgcond
BONA XHOSA - February 2000 1 09
